Iilwimi zaseAfrika

From Wikipedia
Jump to: navigation, search
Imephu ibonakalisa iilwimi zemveli ezintandathu ezimele eAfrika

Kukho iilwimi ezingamawaka amabini anekhulu ukuya kumawaka amathathu ezithethwayo zemveli eAfrika kwiilwimi ezininzi eziphambili zeentsapho: -I-Afro-Asiatic yanwenela kumbindi wesempuma, eMntla Afrika, kwiphondo leAfrika nakwiindawo zaseSahel. -INilo-Saharan iseSudan naseChad (inyaniso ecalwa umngeni) - INiger-Congo ibandakanya iNtshona, uMbindi noMzantsi-mpuma Afrika -IKoe ijolise kwiintkango zaseNamibia naseBotswana. -IAustronesian eMadagascar. -IIndo-European kwincam esemazantsi yeliZwekazi.

Kukho iintsapho ezincinane ezininzi kunye nolwimi oluzikhethileyo, neelwimi ezifihlakeleyo ezisaza kufakwa kuluhlu.Ukongeza, iAfrika inentlaninge yentetho yezandla, uninzi lwazo ziilwimi ezikhethekileyo.

Uninzi lwelwimi zaseAfrika zihlatyelwe ikhwelo lokunxibelelana ngaphaya kwemigama imide.

Malunga nekhulu leelwimi zaseAfrika zisetyenziswa kakhulu kuthungelwano lweentlanga ezahlukeneyo. IArabic, Berger, Igbo, Somali, Swahili, Hausa, Amharic, Oromo neYoruba zithethwa lishumi lizigidi zabantu.