IJografi

Livela
Imephu yomhlaba

IJografi zizifundo ngeHlabathi nangeempawu zalo, izidalwa ezihlala kulo, kunye nokwenzeka kwalo.[1] Igama elithi jografi livela kumagama esiGrike athi ("Umhlaba") kunye nelithigraphein ("ukubhala, ukuzoba"). Lithetha "ukubhala kunye nokuzoba umhlaba". eli gama laqala ukusetyenziswa ngumphandi obizwa ngokuba nguEratosthenes (276-194 B.C.).

Iimpawu zalo zizinto ezifana namazwekazi, iilwandle, imilambo kunye neentaba. Abahlali balo ngabo bonke bantu kunye nezilwanyana ezihlala kulo. Izinto ezenzeka kulo zizinto ezifana namaza omoya, umoya, kunye nenyikima.

Umntu oyingcaphephe kwijografi kuthiwa yijografa. Ijografa izama ukuqonda ngeHlabathi nangezinto ezikulo, zaaqala kanjani zaza zatshintsha njani. [2]

IJografi yahlulwe yangamacandela amabini elephysical geography nele human geography. KwiPhysical geography kufundwa ngobume bendalo yehlabathi ukanti kwihuman geography kufundwa ngobume boluntu kwihlabathi. Kwizifundo zoluntu lwasemhlabeni kungabandakanywa izinto ezifana noluntuolukwisizwe, Lumi njani uqoqosho lwesizwe, nezinye izinto.

iijografa kufuneka zibenolwazi oluphangaleleyo ngeemephu kuba kaloku iimephu zibaluleke kakhulu kumntu ofuna ukwazi ngejografi. Iijografi zizisebenzisa kakhulu iimephu, zide zizenze nokuzenza ngamaxesha amaninzi. ukwenziwa kwememphu kuthiwa yi''cartografi'', Ngokufanayo, abantu abenza iimephu kuthiwa ziicartografa.

Emhlabeni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Itropical cyclone off Brazil

Iijografa ezifunda ziphicothe le planethi yasemhlabeni zingaqwalasela oku kulandelayo:

Uluntu lwasemhlabeni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Igquba labantu lijikeleze iband.

Iijografa ezifunda ngoluntu lwasemhlabeni lungaqwalasela oku kulandelayo:

Amaphepha azalana nale ngxoxo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Izalathisi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. "Geography" The American Heritage Dictionary/ of the English Language, Fourth Edition Houghton Mifflin Company retrieved October 9, 2006 
  2. "Geography: The Mother of Sciences" archived from the original on 2008-10-03 retrieved 2015-02-23 

Ezinye iiwebsite[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]