Dr Mamphela

From Wikipedia
Jump to: navigation, search

Eli Liphulo lokuguqulela esiXhoseni le ncwadi ebhalwe ngu Gqirha Mamphela Ramphele. Le ncwadi isisiqulatho samabali ayinene ngobomi babantwana abachongelwa iphulo lokuphonononga nzulu imeko zobomi babo bemihla ngemihla. Meko ezo ezinefuthe elibi negalelo lokusilela kwabo ngemfundo nophuhliso ngekamva labo ebomini. UGqirha Mamphela Ramphele uvelela iimeko zepolitiki ezishiye ubuzaza nakuso esi sizukulwana silulutsha senkululeko; iimeko zentswelo ezingaphaya komlinganiselo ezibelekwa lulutsha olutsala nzima lude lophuke phantsi kwalo dyokhwe yentlupheko. Intswelo netlupheko edwalwe phakathi kwezinto ezininzi zezi zibalaseleyo; ucalulwano ngobuhlanga, ubulwelwe nesihelegu sika gawulayo, ubundlobongela ekuhlaleni nasekhayeni,ukunganazwa, ukungaxatyiswa, ukuzeya nokungazixabisi ikakhulu kulutsha.


TITLE STEERING BY THE STARS Being young in South Africa Mamphela Ramphele


IMPRINT Tafelberg Publishers Limited 28 Wale Street, Cape Town 8001 © 2002 author

All rights reserved. No part of this book may be reproduced or transmitted in any form or by any means, electronic or mechanical, including photocopying, recording or any information storage and retrieval system, without permission in writing from the publisher. Cover design by Doret Ferreira Book design by Nazli Jacobs Set in on pt Printed and bound by Paarl Print, Oosterland Street, Paarl, South Africa

First edition, first printing 2002 ISBN 0-624-04096-8



‘...all around us, the intellectual lightships had broken from their moorings, and it was then a new and trying experience. The present generation which has grown up in a new open spiritual ocean, which it has got used to and has learned to swim for itself, will never know what it was to find the lights all drifting, the compasses all awry, and nothing left to steer by but the stars.’ J A Froude SOURCE??


Acknowledgements:

Siyabulela kumzi wophuhliso ngezobugcisa, I Carnege Corperation yase New York e Melika. Inxazo yenu ngezezimali ilincedile aliphulo lokubahla le incwadi. I sisa senu siyakhuthaza nakwabo baphetheke gadalala yingcinezelo kwindawo ngeendawo abakuzo ukuba banga pheli umxhelo. Kumnyango we Independent Development Trust siyabulela. Niwenza lula umsebenzi wethu wokunceda amahlwephu, ahlwempuzekileyo. Nakuni nina Rockerfeller brothers, ingxowa yezimali yakwa Anglo American, Genesis Foundation, inkampani ye Oli uCaltex, ngokunceda ngezimali kweliphulo.

Nisincedile, siyabulela Wilderness Leadership naku Andrew Muir, u Margot inkosikazi ka Andrew nobemnceda ngama foto. Ko gxa bam, abandincede ngophando nzulu ndiyabulela. U Marian Heap obethe gqolo ngo phononongo olunocoselelo ifuthe lakhe livakele. Usimilisele isiseko esiluqilima uphononongo lonke obelusekelezwe phezu kwaso. Pat Henderson siyabulela ngo dliwano ndlebe olwenze nabantwana nee field trips. Ubengumzali Elizabeth Seabi, ingakumbi kulutsha oluhluphayo Ko gxa bam e University of Cape Town nindincedile ngoku ceba no kwakha I Youth Centre e New Crossroads, ingakumbi wena Julian Elliot, ndibamba ngazibini kuwe. Ngo phando nzulu ngoncwadi ndibulela wena Tessa Lewin, Lashias Ncube. Xa ndi gqibelisa ndinongazenzisiyo umbulelo konyana bam bobabini, bendingunozala wabo bonke abantwana ebesihleli nabo sisabelana nabo, anikhalazanga xa ezenu iimfuno zisilela, kodwa nibonise ukuba ubudoda abukhulelwa, nangomso nenze ngovelwano nesisa.

Iziqulatho

     isiqalo 
      

Isahluko 1 Like a bulb splitting- njenge siqhamo sibudlulula Isahluko 2Bulelwa Umfazi ozingisele entweni Isahluko 3 Bulelani ndifundise ubudoda Isahluko4 Usapho ‘Induku ayinamzi’ Isahluko 5 -isikolo Verwoerd's ghost-Lihlabel’ limzondayo Isahluko 6 - abahlali ubuntu Isahluko 7: ukuhlinzekwa ngezophuhliso–‘Sifunde khona, Sidlale Khona’ Isahluko 8: Umceli Mngeni–Ilifa lo kucalulana Bayotshona kwesika bani?


Izifinyezo

     ANC - African National Congress
     TRC - Truth and Reconciliation Commission
     CASE - The Community Agency for Social Enquiry
     COSATU - The Congress of South African Trade Unions
     IDT - Independent Development Trust
     PPA - Planned Parenthood Association
     UDF - United Democratic Front
     UWC - University of the Western Cape 


Isiqalo

Le ncwadi izalwa ngumdla endiye ndanawo wokuphengulula kubomi bemihla ngemihla babantwana abahlala ezidolophini. Nje ngomntwana okhulele emaphandleni ndiye ndathabatheka kukufuna ukuqonda ukuba, ingaba abantwana bedolophu kumakhaya angathathi ntweni nahluphekayo baphetheke njani kulenqubo intsha yenkululeko. Esona sizeka bani esongamele zonke ezinye izizathu zoluphando nalencwadi, kukubathanda abantwana.

Ndikwa kholwa ekuthini xa benophuhliswa, kuqaqanjiswe italente yomntu ngamnye, bavulelwe namathuba bangaphucuka lula. Le ncwadi ingumzekelo wamabali olutsha lwemidaka jikelele. Aqulethwe kulencwadi azinzame zolutsha lwase Crossroads,ezamela impumelelo, kodwa inkala ixinge etyeni, nditsho kulomzantsi Africa wenkululeko. Ulutsha lunkone zizivubeko zenkqubo ya ntlandlolo eshiye izilonda ezililifa localucalulo. Iindawo zokuhlala ezingekho mgangathweni. Imidolomba yabantu nabantwana abaxinene kwimizana emincincane. Indlala esengela phantsi isidima-buntu sabantu, itsho ibulale imvano ne mpatho ntle yosapho. Izikolo nazo ziyimpoxo nje kwithemba lokuba ulutsha oluntsundu lungenza ngcono apho abazili bathe basilela khona ngemfundo. Kukho amakhaya anemphatho enobundlobongela, ebantwaneni nakuba zali. Nezitalato zase New crossroads zizele bubundlobongela. Liculo lemihla ngemihla ke ubundlobongela ezilokishini.

Kodwa kuyo yonke lonto ayakufumana ukuba ikhona itlantsi entumekayo yethemba. Ithemba elimilisele ndzulu entliziyweni yomntu ngamnye othi: unotshe, ngekhe ndinikezele ndisadla amazimba nje. Kubantu abaninzi abaphila kwilokishi zeli lo Mzantsi isekho lankani egcina isibane sethemba liphila. Atsho umntu alale esithi: ndovuka ngomso ndisithi azimnta ka Ngqika. Besima phuth’ ahlathi nye kolo nxwalo lwa baqeshwa bemfuduko, nangona ingqesho ekude neentsapho namakhaya ibisahlula nje. Ukuba ufunyenwe usaphula umthetho ngokuhlala nosapho lwakho ubuyibona ijele, okanye uwukhombe umnyango obuyela emaphandleni woorhulumente "bozimele geqe".

Ikwa koko kunyamezela okwenza iintsapho, zithi zingathathi ntweni, ziphila ngendodla, yekhehle ne khehlekazi kodwa zikwazi ukufundisa abantwana. Zisenzela ukuba ikamva labo bantwana liqaqambe. Uncumo belunga nqabi de kuphele nako dade bethu. Ubungafunga uthi impatho gadalala yamadoda abo bebengayiseleso. Ibiyinkoliso yamadoda ukubenza iingqongqo zeentonga amakhosikazi kunge baziphindezela ngephatho embi yabelungu ebasengela phantsi izidima emisebenzini kwezo ndawo zabo zengqesho.

Umfazi ontsundu lilitye lenyengane ukomelela, kodwa akayongqongqo yakubethwa. Uthi ekhathalele olwakhe usapho uphinde umbone engunozala omabele abhongxele ukwanyisa nabo bantwana basebumelwaneni. Inkqubo yengcinezelo esenze saba sisizwe esihluphekileyo izamile ukusihlutha nesidima sethu sisisizwe, kodwa khange iphumelele kuwo onke lo mabakala okwenza ububi. Uninzi lwethu lusenobuntu bokhupha ngesisa, nentliziyo ekhetha uxolo noxolelwaniso.

Lo moya wokunganikezeli ukhe nawo uvikiveke. Le ntsika ikhe igungqe ngelinye ixesha ziithanda buzo. Kwesisithuba sokuzibhenca uye uzifuna nentsukaze yobuntu bakho.Aabazali bakhe babe ngumqobo nabo kwesisithuba. Ubukhulu becala kuvame ukuba ibe ngutata oyishiyayo indawo aduke, ngathi yinyoka ityeshela inzala yayo. Ufike umama lo ukukhulisileyo engalitsolisi ukuba ngokwe gazi uzalwa emanini. Yimeko ewuxhelayo umphefumlo, futhi inganobuzaza, ingakumbi xa kunokuvele kwenzeke ukuba wabelane ngesondo nesizalwana sakho ngenxa yokufihlelwa.

Zininzi izinto eziwophulayo umphefumlo. Ezinjengoo mphatho gadalala endlwini, esitalatweni, naseskolweni. Xa ulixhoba lezizinto uphila Impilo yentshontsho luloyiko, ufune nokunikezela. Le ntandabuzo nokizicingela akoneli xa sele kuzimilisele, kuyatyutha kude kufikelele ekuzithandabuzeni njengesizwe. Ingakumbi xa kukho ubungqina kwizwekazi le Afrika liphela obuxhasa ukuba ukuziphatha kwethu kufe amanqe singama Afrika. Nakumazwe ezwekazi leAfrika impatho Yethu komnye nomnye ayincumisi konke konke.

Kuya kusiya ngokuba sisiqhelo, kwaye kulindelekile ukuthetha ngamathuba avulelekayo, kodwa nangona kunjalo olulutsha lwase New Crossroads nabaninzi abafana nalo beloMzantsi bafumaneka besavalekile ngendlela abaqiqa ngayo nabangathatha ngayo inxaxheba ukuzisondeza kumathuba avulekayo.

Intswela ngqesho nokunqongophala kwamathuba emisebenzi , kuyanxwala. Uphononngo olwenziwe nguMesebetsi, umnyango ozimeleyo wophando kuyabonkalisa ngoku gqamileyo ukuba uninzi kuluntu oluqesheka lula luphuma kubantu abakhe bavela kumaziko emfundo ephakamileyo-university. Ngama shumi asithoba anesibhozo-98% ekhulwini abavale izikhewu zengqesho kwabo. Ngumyinge wama shumi amane anesihlanu-45% ekhulwini aswele imisebenzi kuMzantsi jikelele, abamabanga aphezulu asisininzi kwabo mahlalela( bengengomahlalela ngakuthanda). Aya ngokufiphala amathuba engqesho kubantu abangagqibanga nesikolo. Imisebenzi ekhoyo ifuna abantu abangomakhwekhwetha noochwepheshe abanezakhono zomgangatho ophezulu.

Kwakule ncwadi, ndihlaba ikhwelo kubemi bomzantsi ukuba banike ulutsha lweli indlebe. Simelwe kukuba ulutsha silunanze kwanamhla, singalulindisi amangomso. Uninzi lweli lo mzantsi lulutsha. Ulutsha olukwiminyaka ephakathi kwe15-35 luqikelelwa pha kumyinge wamashumi amathathu anesihlanu ekhulwini (35%) lwabemi beli lomzantsi( abemi abaqikelelwa kwizigidi ezingamashumi amane anesibini-42million). Ulutsha oluntsundu lona lungumyinge ongama 78% weliqela lomlisela nomthinjane weli. Kuyafanana kulutsha lonke lwemidaka kweli. Siyabelana neliqaqobana lase New Crossroad ngamaphupha, imiceli mngeni, uloyiko ngekamva lethu elikhangeleka limfiliba, amaxhala, kwakunye neminqweno esinga singayifeza ngobomi bethu. Nangona abazali beludanisile ulutsha oluninzi, kodwa lamatyendyana aze ngobuso elizweni awalahli mbeleko ngakufelwa. Ngamaxesha ocalucalulo silulutsha besisigculelo sobundlobongela bama polisa. Nekati elele eziko ibiyakuba liculo lemihla ngemihla, singenabani esingabhenela kuye. Nditsho nangoku kwelixesha kuthiwa ngelenkululeko, luthi ulutsha: thina silulutsha oluninzi asiboni mehluko. Abazali bethu basa hlwempuzekile ngobuninzi. Futhi abaloncedo kulamaxesha empucuko ukusilungiselela ikamva eliqaqambileyo.

Uyakufumanisa ukuba soloko ingonozala abahlala bebhinqele phezulu begxotha ikati eziko ngako konke abanako. Abaninzi bashiywa kwesinomhlwa nanga lo madoda abo afe ethwel’ umnqwazi. Amakhehlekazi endodla awasakwazi nokuzonywaya ngalo madlana yabo yendodla, kuba kaloku oonina bentsana bazithi ntimfe koo ninakhulu ezontsana, bandule bona ukuthi nya. Wofika nezizalwane nazo zisenza unako nako kumakhaya ahluphekayo, ubukhulu becala ingoomama abancedisayo. Nabantu beminye imizi bakhe bafake isandla nabo ukugxotha ikati eziko. Kuvamile ukusebenzisana ngenxaso kwiintwazana ezizizalwane. Lo mfela ndawonye weentwazana namakhosikazi asebenzisana ngokuxhasana kugxothwa ikati eziko uye usivale vingci isikhewu sotata abafe bethwel’ umnqwazi, umboniselo ke ongaginyeki kamnandi kumatyendyana abafana abasakhulayo.

Amakhwenkwana kwezimeko ezitshintsha isiko-mpilo lwa madoda azintloko zosapho, ibe ngamantombazanana namakhosikazi, ivusa umnyele wokuzijongela phantsi, ubukhulu becala ikukuzeya kuba kungakhange kubekho ndonda ibengumzekelo ophilayo ebomini. Ulibuyisela njani ibhongo nelunda lokuba yindoda eyinkokheli yomzi wayo xa kungakhange kubekho mboniselo eyenza oko phambi kwakho? Ingakumbi sithi lumelwe kukuba luthini ulutsha, xa lukhula ngemizekelo yoo lova abangasebenziyo, amanxila angengomzekelo, izidlwengu, nendladiya zendlobongela kubantwana nakumakhosikazi? Sithini ke ngoko ukungazibuzi: lishwangusha lantoni na eli lombathe umzi ontsundu? Omnye umbuzo ngulo wokuba: sithini ukungazeyi njengeenkokheli zosapho xa sifikelele kumgangatho wokuqala ezingezethu iintsapho? Kwaye asinazixhobo esizifunde emva ekhaya zokuphathana ngempatho entle nentlonipho efanelekileyo phakathi kwendoda nenkosikazi. Ingade ibe kanti amantombazanana wona angcono ngesakhono sokuwufunqula awume umzi njengoo nina abafunde kubo. Kodwa thina bafana siyasilela.

Ewe amakhosikazi azibonakalisile ubunkokheli bawo, bengalindanga kuthiwa jize ngelo wonga, ewe amakhosikazi azibonakalisile ngokudlala indima enkulu yokufunqula iintsapho bebodwa, bengayekanga ukuveza nelokugqibela izinyo noxa kubuhlungu nje. Kodwa kode kubenini bencuma noko kuqaqamba? Sisisizwe siyahlulwa kukwahlukanisa phakathi kobunkokheli ne wonga lokugunyazisa esosihlalo sokukhokela. Ubuntloko obuza nokubugunyazisa obobuntloko buse liwonga lokuzalwa kumadoda amaninzi. Isenziwa ke phofu yonke lonto lisiko-mpilo lokuba esisihlalo sobunkokheli nobuntloko siqheleke kubantu abangotata. Ukuqhawuka kwemitshato kwandile, iqhawulwa ke phofu ngalamabhinqa aqikelelwa kwiminyaka ephakathi kwamashumi amabini namashumi amane. Mabhinqa lawo azifumana eminxeke engakwazi nokuphefumla kukuqweqwediswa ngamadoda aqhele othob’ asikutyele. Awalemihla amakhosikazi akholwa kukuba ifuthe lawo lobunkokheli nalo livakale. Abanye ababhetye-bhetye bavele babe ngabo abo thoba sikutyele kulomitshato ingazinezisiyo iimfuno zabo. Baqweqwediswe kanobomi ngalo madoda asadla ngendeb’ endala esithi: ‘indawo yomfazi iseziko kuphela’.

Okukomelela kwelitye lenyengane kumakhosikazi antsundu bezibambe ngamazinyo iintsapho zabo kusuka mfamlibe. Bebenge lahli imbo yabo ngophoyiyane wendoda elilokonya eloyikiswa ngumfazi onomqolo. Lomnyele walamadoda kuyabonakala ukuba wenziwa kukuzeya nokuxakwa ngalamakhosikazi angengo dingani. Ukungaxhotyiswa kwalamadoda ngoyise phambi kwawo ngezakhono zokulungiselela isiko-mplilo elitsha lobuntanganye emitshatweni, nakubudlelwane bokuthandana obakhiwa sisibini esinenjongo ngomnye nomnye kuyawachana mpela lamadoda. Aze, kwelibakala kukusilela lamadoda. Lento yokuba ngamaqabane antanganye ngezidingo nentlonipho, nokuva ubushushu bothando komnye nomnye ayayizibula amadoda. Iyothusa, ikhwamnkqisa nakanjalo, kwaye nokuzidela ezeya lamadoda kuvamile kwezimeko zobuntanganye bamaqabane alamaxesha. Akothusi xa athi amanye amadoda avele afake intonga kwesisithuba, ibe kwantonga leyo iyimboniselo embi abakhule phantsi kwayo ababafana.

Yingcinezelo esisithuko esikhupha isiva ngapha, bubuhlwempu nokusengelwa phantsi yinkqubo yocalucalulo kwelinye icala, waze naye noGawulayo watyelela kanye kwesisithuba sale mpixano nonxunguphalo esizweni. Ayiginyisi mathe kuninzi oluntsundu le yokuba nokwabelana oku ngesondo kungangubhubhane obulala isizwe. Yimpoxo nale yokuba kwangqesho leyo yona kuqala efulathelisa imizi ngamadoda ashiya amakhaya imibimbo injonge ezifemini nasemigodini yedolophu, yiyo yona ngqesho leyo umlambo athyuthye ngawo lobhubhane kaGawulayo. Wakuthi akugqobhozela wathyefa phantse sonke isizwe esintsundu. Ngeba iyahlekisa nto nje imbi kakhulu. Ukuhlikihla ityiwa enxebeni, namagokra ethu enkululeko ebethe bhazalala emazweni (obukheswa) asiphathele obubulwelwe. Ngaphezulu komyinge weshumi ekhulwini inesisifo. Kulutsha olukwiminyaka ephakathi kwama 15-35 ngama 25% anesisifo, ingamabhinqa amaninzi achaphazelekayo, kuba iseyimpilo yemihla ngemihla ukuba bawavumele amadoda abenogonyamelo phezu kwawo.

Urhulumente wokuqala wenkululeko weli lomzantsi wohlulekile kukuwugoba lomthi wobhubhane kaGawulayo uselula. Usigubungele isizwe ngexesha elibi kakhulu lobhubhane, kusekho iintanda zeyantlukwano yenqubo yangaphambili ebangelwa bubuhalnga. Obo buhlanga obabebuthyuthye baze bafikelela nakwiminyango yemfundo ephakamileyo kumaziko ezobungcaphephe nezobugcisa. Imigaqo-nqubo(policy) ethezela egoqweni lo kuphucula ubomi babantu bakuthi ithe amandla kwesisithuba. Kuba iminyango yobugcisa esalawulwa ngabelungu ubuninzi, bekunzima ukuthemba uphononongo lwayo ngalenyewe. Urhulumente akayinanzanga longxelo yalomaziko engcaphephe, esithi yimikhwa nje yoku nukubezwa ngabelungu. Mikhwa leyo esele iqhelekile. Kuba kwantlandlolo ibiliqhinga labo kwinqubo zabo zokusitheza amandla isithunzi sabantu, basishiye sisisizwe sivikivekile sizeya njengoluntu. Imfundo eyakhelwe ukuba abantu ngayo baye ngoku dodobala ingqondo ibisisiseko semfundo yocalucalulo. Ukuphicotha ngezobungcisa phantsi kwalenkqubo yobuhlanga bekulizinyo lenkuku kwizikolo nakulutsha olufundayo. Ngokuke iziqhamo zalomthi wengcinezelo zivuthiwe. Uyayophula uGawulayo Lembiza ibikade iphekwa lucalucalulo, kuquka kunye nemphatho gadalala ngesini, nokudlwengulwa kwabafazi nabantwana. Uyingcinezelo entsha lobhubhane, futhi nethemba liya lisiba mfiliba. Akuthathi zigidi ukubuyisela elithemba eluntwini.

Ndizibalela ekuthini ndingomnye wabantu abanechamu lokuyingqina lentetha, ndiyibona iphila kwiqaqobana labantwana ababechulumance kunene ngumahluko endawenza ebomoni babo ngemadlana nje encinane. Ndichithe ixesha nolulutsha lwase New Crossroad, impela veki enye enyangeni nganye, kwisithuba seminyaka emithathu, ndiwenza lomsebenzi rhoqo. Ndibase kubuhle bembo, entlango (kwi pristine wilderness) yeCape Peninsula Ngezintsuku bebesonwabela ukuba ngabantwana abangabo, bekhathalelwe bethandwa ngaphantsi kwempatho entle yomzali. Abafuni bunewunewu abantwana. Bayayivuyela lonto ubanika yona, bayakholwa kukukhathalelwa nje kuphela, bazive bexabisekile. Isivuno salembewu esiyityale ebantwaneni ngokubakhathalela kweliphulo sikhulu. Singasikhulu ngakumbi ukuba sinokugxila ndzulu kwizidingo zabo, sichithe nexesha elongezelelkileyo nabo.


Sithabathe ixesha sifakana imilomo nolutsha ngeminqweno abanayo ebomini, neentandabuzo ezikhe zibavelele ebomini ngokubanzi. Uninzi lwababantwana batshixeleka ubomi babo bonke ezilokishini bengazinto ngobomi jikelele. Kunqabe nentwana yolwazi ngezityalo nezilwanyana. Ndibave bephikisana ngenye imini, abanye besithi inyoka inamanqina, abanye besithi ayinawo. Kuthe ekuhambeni kwalencoko yabo bengafumani sisombulula kweliqhina lenyoka namanqina, beza bezokubuza, ndabasombululela. Inyoka ayinamanqina. Ndibohlulele izilwanyane ngokwamaqela eziphuma kuwo, ndalanda nemizila yokuhlobana kwazo ngokwezintlu eziphuma kuzo. Atwezeka amehlo ezontsana bububanzi belizwe elalivuleka phambi kwabo. UAndrew Muir wesikolo se wilderness Leadership kwele Ntshona Koloni wachitha iiyure ecacisa ngokuqulathwe ngalamahlathi ayeyindumasi kumhlaba uphela ngezityalo neentyatyambo zodidi olulodwa. Ukhulile umdla wabantwana ngendalo nathi sakhuthazeka kukudlala lendima ebomini babo.

Umzantsi lilizwe elibalasele ngobuhle bendalo namahlathi kumhlaba uphela. Obubutyebi bendalo asibunanzi kuyaphi, nokubusebenzisa sibusebenzisa kancinane. Ndithetha nje iinkampani zabucala nezaseburhulumenteni zibila zisoma zisakha amatyathanga obuhlobo, zidela nalo miqobo yeyantlukwano ixabileyo. Iyantlukwano ngobuhlanga, ngokufuma kwepokotho, ubudala, nobuni. ILimpopo Widlife Park igqobhozele ngaphaya kwemida yeli, isebenzisana ne Mozambique, ne Zimbabwe kaMzilikazi. Eliphulo lezamahlathi lisibonelela ngesiseko sokufakana imilomo sisabelana sibonisana ngembali nesiko-mpilo lomnye nomnye. Bobubutyebi bendalo ke obu bube ngumongo nomxholo wokwazana kwam nababantwana base New Crossroads, sakha ubudlelwane obuluqilima.

Ngamabali abo bantwana ke la akukutya okuyilencwadi Le ncwadi izama kangangoko ukugcina ilizwi lezintwazana nalamakhwenkwana lingangxengwanga, lizoba Impilo nentlalo yabo njengoko injalo.

Isahluko sokuqala kulencwadi sithelekisa ubuqaqawuli bo nxweme lweKapa- Cape Peninsula nemikhobolo yase New Crossroad.

Isahluko sesibini nesesithathu sibonakalisa abalinganiswa ababini abazintloko. Ityendyana eliphumele kwimiceli mngeni emininzi nokusinda chebetshu kwingozi embi yemoto enge isube umphefumlo, ukuzakuthi ga kwimizamo yakhe kwisikilo semfundo ephakamileyo. Intwazana enentumekelelo ezifumenele imfundo enomsila ebunzimeni, ukuzakuthi xhaxhe kwibakala lokuba ngusomaqhuzu otsala imikhala kowakhe umsebenzi.

Isahluko sesine, sesihlanu, nesesithandathu, kuphuhliswa le nkalo yokuvelela ikhaya , isikolo, noluntu ekuhlaleni nje ngeziseko ezibalulekileyo ekukhuleni komntwana.

Isahluko sesixhenxe: uphuhliso,-"singabantwana sidlale khona." Isahluko sesibhozo: umcelimngeni welifa localulo sivelela umbandela wentswela zakhono Incwadi ivala ngokusikrobisa ebomini babobantwana ukuba bayotshona phi. La mabali obomi babantwana anomfutho(compelling.)


Inguqulelo: Ngokusidlekwa yi Zazi Foundation.

Mamphela Ramphele August 2002

Personal tools
Namespaces

Variants
Actions
Navigation
Toolbox